All manuals and user guides at all-guides.com
ISIXHOSA
INTSHAYELELO
Enkosi ngokuthenga iKetile yethu i-essentials. Iyunithi nganye yenzelwe ukuqinisekisa
ukhuseleko, ukuthembeka nokusebenziseka lula. Phambi kokuyisebenzisa, nceda
uyifunde ngenyameko le miyalelo kwaye uyilondolozele ukureferensa kwixesha elizayo.
ISILUMKISO ESIBALULEKILEYO
Xa usebenzisa iketile yakho i-essentials, amanyathelo okhuseleko asisiseko kumele
alandelwe, ukuquka oku kulandelayo:
•
Le ketile ayenziwanga ngenjongo yokusetyenziswa ngabantu (ukuquka abantwana)
abanobuchule obuncinane ngokwenyama, ngengqiqo okanye ngokwengqondo,
okanye abangenamava nolwazi, ngaphandleni
bebenikezwe
umyalelo
onoxanduva lokhuseleko lwabo.
•
Abantwana kumele bakhokelwe ukuqinisekisa ukuba abadlali ngesixhobo.
•
Musa ukuyisebenzisa ukuba kukho nawuphi na umonakalo eketileni, kwintambo
okanye kwiplagi. Kufuneka uyibuyisele iketile kwiziko eliqinisekisiweyo lenkonzo ukuze
ilungiswe.
•
Qiniseka ukuba ivolteji esetyenzisiweyo iyahambelana nevolteji eboniswe kwileyibheli
yokukalisha.
•
Musa ukuyisebenzisa iketile kumphezulu othambekileyo.
•
Musa ukuyiyeka intambo ichukumise imiphezulu eshushu.
•
Ungaze uyizalise iphuphumale – amanzi abilayo angagxampuza.
•
Qiniseka ukuba isiciko sikhuselekile phambi kokuba uyilayite iketile.
•
Musa ukusivula isiciko ngelixa amanzi abilayo.
•
Ungaze uyibeke iketile ecaleni okanye phezu kweepleyiti ezishushu zesipheki okanye
kwisivuthisi serhasi.
•
Ungaze uyisebenzise le ketile kufutshane neebhafu, iishawala, kwezitya zangasese
okanye ezinye izikhongozelo eziqulethe amanzi.
•
Musa ukuyinkxuza iketile, iplagi okanye intambo emanzini, okanye uvumele nayiphi na
into engamanzi idibane nayo nayiphi na indawo yeketile.
•
Ukuyikhupha, bamba iplagi uze uyitsale kwindawo ephuma umbane eludongeni.
Ungaze uyitsale intambo.
•
Musa ukuzama ukuyogquma, Yandisa okanye yolula intambo yombane.
•
Qiniseka ukuba iketile icinyiwe phambi kokuba uyiphakamise okanye ugalele.
•
Qaphela xa uvula isiciko - amathontsana amanzi ashushu angachitheka.
•
Le mveliso yenzelwe ukuba isetyenziswe emzini kuphela. Ukusetyenziselwa
ezoshishino okanye ezorhwebo kusenza singavumeleki isiqinisekiso.
•
Musa ukuyisebenzisa ngaphandle kwemizi.
•
Ungaze uzame ukuyivula nayiphi na indawo yesixhobo okanye ukukhulula izilawuli.
Inkampani ayinakuba nobutyala bazo naziphi na izinto ezingasebenziyo ezenzeka
ukuba lo myalelo awuthotyelwanga.
ophathelele
ekusetyenzisweni
kokuba baqatshelwe okanye
kwesixhobo
ngumntu